


hotani Bafundi,
Umhla woku-1 kuMeyi yiWorkers Day nemini eya kuqala ngayo ukusebenza iLabour Relations Act entsha. Ukubhiyozela lo mhfa sikuchazela okuthethwa ngulo mthetho ngokugxothwa ungafanelanga. Ukhumbule ukuba amapolisa, abasebenzi basekhaya nabasebenzi basezifama bayakhuselwa ngulo mthetho!

Omnye umba obalulekileyo esiwuchaphazeleyo ngowesifo esingumbulali kwihlabathi liphela, iAIDS. Ngo-1 994 bekuthelekelelwa ekubeni bangama-750 000 eMzantsi-Afrika abantu abanentsholongwane yeHlV yaye bangama-500 abantu abasulelwa yile ntsholongwane mihlale.
Ayinyangeki iAIDS yaye xa singenzi iinzame zokuyithintela, baza kuba baninzi abantu ababulawa sesi sifo. Kule nyanga ungcelele lwethu olufundisa ngesondo luthetha ngeAlDS - izinto ezithethwa ngabantu ngayo nendlela yokukhusela ingakusuleli.
Sikhuthaza bonke abantu ukuba bafunde baze baxelele abanye abantu ngabakufundileyo.



2 BONA XHOSA - May 996 Intshivelelo
Zuza iincwadi
ezi-5 ze-Im
ages of
Change
kukhuphiswano
lukaMeyi!
t-AETASA ngumbutho wemfundo yabantu abadala ekhuthaza ukufunda ukubhala nokufunda ebantwitii abadala. Siphisa ngeencwadi zelmages of Change eshicilelwe yiNolwazi Publishers ukukhuthaza oko.

Umbozo: Ngaba sithini isiduko sikaNelson Mandela?

lmpendulo-                            

Igama                                


Idilisesi:                           


                  Age          

Thumeia le khuphoni uyincamathisele kumva wepostcard ngaphambi komhla wama-25 kuMeyi kule dilesi: Look and Learn, P O Box 35677, Northway, 4065.
/Cia  
lileta zenu


lmfundo abadala
Ukusebenzisa ibhanki


lmfundo Yesondo
lsifo seAIDS


Umthetho
Ukugxothwa Ungafanelanga isiqendu 2


Imisebenzi
Ukutyelela iindawo nokukhenketha






Abantwana Abancinci
Bafundise kakuhle abantwana bakho

Abantwana
Ukukhula kukaNelson Mandeta


Okuqhubeka Emfundweni
Yiva okuthethwa ngabafundi abadala




Sinifundisa ngephepha likaMondi








Zuza i-R50 rigeleta yakho enomdla
Siyakuvuyela kakhulu ukufumana iileta zenu! Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50 ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalani phantsi nisibhale!e. Kule nyanga kukho umntu osithume!ele umfanekiso obaffsa ibali. Nawe unako ukusithumelela elakho ibali lomfanekiso. Ukuba unengxaki,, siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi TYHILA UFUNDE, Media-in-Education, P. O. Box 35677, Northway, 4065.
Amabhinqa makalingane nomntu wonke
Naliphi na ilizwe liba nenkqubela ngokunika bonke abantu balo ithuba lokuba negatelo kwinkqubela phambili yobutyebi balo. Kwiminyaka edlutileyo bezingahoywa iziphiwo zamabhinqa. Nangona ngoku amathuba evuleleke kumntu wonke, amabhinqa aya kusotoko eshiywa ngasemva xa engemi ngeenyawo ukuze kubekho iinguqu ezizizo kule meko.
Urhulumente makafundise amabhinqa ulwazi oluya kuwenza aphumelete, ingakumbi awasezilalini.
NdinguJ. Ketso wase-Evaton



Iileta Zenu
BONA XHOSA - My 1996 












Inkululeko yesibini
Sizabalaze nzima ngaphambi kokuba sifumane uRhulumente woManyano. lbiyinkululeko yokuqala Ieyo. Ngoku idabi ekufanele sililwe lelokufunda.
Abantu abaninzi eMzantsi-Afrika abakwazi ukubhala nokufunda. Njengomntu omtsha onomdla kwingomso leli lizwe, ndibutela zonke iititshafa ezizinikele ukusebenza nangokuhlwa zifundisa abantu abangafundanga. UMzantsiAfrika omtsha ufuna abantu abafundileyo abaya kumefana nokunyuka komgangatho wempilo.

Ulutsha lufanele luyithande imfundo. Akukho ndlela yimbi yokuphumelela ebomini ngaphandle kwemfundo. Laphela ixesha lodushe nelokukwaya
isikolo. Lixesha lokukhulula ingqondo - ekuyinkululeko yesibini.

Nclinguv. Soga waseTinarha

lmfundo Yabantu Abadala
Ndiyabavela abantu abadala abangazange balifumane ithuba tokufunda. Ebuncinaneni ikho into eyenzelwa abantu abahlala ezidolophini, kodwa abona bantu ndikhathazeke ngabo ngabahfafa eziiatini apho kungekho zikolo
zifungiselwe bona.

Urhulumente ufanele axhase ngemali amaphulo okufundisa abantu abadala basezilafini. Makaqeshe iititshala eziza kubafundisa. Kufunake bakhuthazwe ukuba bafunde aba bantu.

Ndinguv.Z. Tintelo
waseCotimvaba
Izilwanyana zenza iingozi
lyandikhathaza into yokubona iinkomo neegusha zisitya kufutshane nendfeia. Maxa wambi ezi zilwanyana zinqumla indlela zize zibe yingozi kubaqhubi beemoto. Udla ngokuzibona ezinye zifife kuba zingqutywe ziifori ezinkulu. Masizame ukwalusa imfuyo yethu ingayabufi ezindleni ukuze sinciphise iingozi zendlela ezibangelwa yiyo.

Ndingux. Melani waseBhayi

Lusekho ucalucalulo
Abantu abaninzi bathi ucalucalufo lwaphela kodwa akunjalo

Ndibhala le ncwadi kuba ndikhathazekile yinto eyenzeke kwiiofisi zeposi yethu. Besime emgceni sonke silindele ukuncedwa. Sithe sisamile kwangena efinye ibhulu elisuke lagqitha kuthi laya kumntu onceda abantu eposini. Akukho mntu wakhalazayo ngaloo nto kwaye oko kubonisa ukuba abelungu basazibona bebakhulu kunathi.

Ndingu-A. Matiya waseriekop

Ophumelele kwiLiqui-Fruit kushici!elo lukajanuwari kaTennyson Rapoo
Posbus 27030
Sunnyside
Pretoria, 0132














4 BONA XHOSA - May 996

Imfundo yabadala
UTyh!la Ufunde ukwenzele amabali ambalwa ngokuphatha imali yakho. Sithethile ngeeakhawunti nangendlela yokufaka imali ebhankini. Sikucebisile iindlela zokonga imali. Ukuze wenze ezi zinto kufuneka uye ebhankini ufike


uzalise iifomu ezahlukeneyo. Kule nyanga sikubonisa indlela yokwenza oku.

Ukuya ebhankini
Z onke iibhanki azifani ngaphakathi. Nkqu neefomu ozizalisayo
zeeakhawunti nezokufaka imali
azifani. Kodwa xa uzijongisisa uya
kufumanisa ukuba zonke iibhanki zifuna iinkcukacha ezifanayo kubaxumi bazo.

Kule nyanga sikufundisa ngendlela
yokusebenzisa ibhanki nokuzalisa iifomu zasebhanki. Basiqale ngokujonga ibhanki. Uya kufumana iifomu zeebhanki zifuna iinkcukacha ezifanayo. Emva koko wenze
Umsebenzi l.	-
Umsebenzi 1
U-Eric, uNoma nojacky abakwazi ukusebenzi ibhanki. Baxetele iinclawo ekufuneka baye kuzo xa befuna ukusonjululetwa iingxaki zabo.

l.	UNoma ufuna ukutshintsha itshekhi ahlawulwe ngayo ngumthengi wakhe.

2.	Ujacky ufuna ukutsala imali. Ufuna ukuqala ajonge ukuba unamalini ngaphambi kokuba akhuphe imali.

3.	U-Eric unengxaki nencwadi echaza ukuba utsale malini ngenyanga waza wafaka malini. Ufuna ukuchazetwa ngale
ncwadi.
Umnyaigo wase-Edubank
ftI



































Kukho iAuto-Teller Machine (ATM) onokufumana kuyo ngokukhawuleza ukuba unamalini kwiakhawunti yakho.
Kufuneka ube nekhadi IeATM ukuze usebenzi lo matshini.
Kukho iEnquiries Desk
onokufumana kuyo uncedo neengcombolo. Maxa wambi ufika kubhalwe ukuba lnformation kwezi ndawo.
Xa ungalufumani uncedo eEnquiries Counter unokucela ukubonana nomphathi webhanki. Kufuneka uphethwe kakuhle ebhanki njengomxumi, nkqu nokuba unamati, na kwiakhawunti yakho.














6 BONA XHOSA - rvlay 99&
Imfundo vabadala
Ukuzalisa iifomu
Abantu abaninzi baya ebhankini bayokhupha okanye bayofaka imali. Ukuze ube nokwenza oku kufuneka ukwazi ukuzalisa iifomu. lbhani nganye ineefomu zayo.

Makhe sijonge iMegabank Withdrawal Form engezantsi size siziqhelise ukuyizalisa Kutufa ukuzalisa ezinye indawo. Ngokomzekelo kulula ukubhala igama nenombolo yeakhawunti yakho. Kuzalise oku kwifomu yakho.

Umhla obhalwe ngamanani
tifomu ezininzi zithi zalisa umhla ngamanani. Kukho indlela ekhethekileyo yokwenza oku. Umsebenzi wokuqala ukubonisa iinyanga ngokulandelefana kwazo - ukususela kujanuwari kuse kujuni. UMatshi umbalelwe ukuze ubone. Fumana ukuba eminye imihla inokubhalwa hlobo luni.

Gqibezefa le misebenzi uze ubhafe umhla
wanamhlanje kwifomu yeMegabank.
Ifomu Yokutsala Imali ye1egaBank






lmati ngamagama



lgama lakho ngoonobumb abakhulu







lsignitsha,yakho
Umhla
ngamanani


mali oyitsalayo
-	ngamanani



lnombolo
yeakhawunti




lndawo



	Sinifundisa ngephepha IikaMondi

	Sinifundisa ngephepha likaMondi

